Umyalezo ovela kwiGosa eliyiNtloko
U-2009 ibingunyaka owahlukileyo! INgxowa-mali ikhule kakuhle kakhulu yanamalungu a-400 000 yaza ya-inshora abantu aba- 1 000 000. Silindele okunye ukukhula njengokuba nabanye abasebenzi beeNkonzo zoLuntu begqiba kwelokuba bakhethe i-GEMS.
Eli hlelo le-Facets ligcwele lulwazi olubalulekileyo kuwe nakusapho lwakho yaye liquka: Iindaba malunga nezibonelelo ezinomtsalane ze-GEMS zika-2010 kunye nethuba lokutshintsha amacandelo; unxibelelwano olutsha lwababoneleli beeNkonzo be-GEMS luka-2010 noluya kuthatha indawo yonxibelelwano olukhoyo lwe-Prime Cure; amacebo aluncedo okuphepha ukutyeba ngexesha leeholide kunye nezinye izinto ezininzi.
I-GEMS izinikele ekusondezeni ukhathalelo lwempilo ukuze lufikeleleke kuwe. Senza onke amalinge ukunika wena nosapho lwakho ithuba lokufikelela kwezona zibonelelo zokhathalelo lwempilo zilungileyo ngamaxabiso afikelelekayo. Nangona ezoqoqosho zimaxongo, kuyasonwabisa ukunixelela ukuba iintlawulo zemirhumo zika-2010 zinyuke nje nge-0,50% ngaphantsi kunezango-2009. I-avareji yokunyuka kwemirhumo ka-2010 ngu10,8% oqhathaniswa noludwe lophuculo lwezibonelelo olunomtsalane kakhulu. Okubalulekileyo, iintlawulo aziziswanga zodwa koko zikhatshwa kukunyuka kwezibonelelo ngendlela ebonakalayo.
Ngengqalelo engapheliyo kuphuhliso lwendlela oyiva ngayo i-GEMS, amanqwanqwa emivuzo asebenzayo kuwo onke amacandelo ezibonelelo aye alungiswa nge-10% ngo-2010, ukuqinisekisa ukuba la macandelo ayakufikileleka ngokubanzi - ezi ziindaba ezimnandi kakhulu njengokuba amalungu amaninzi enokuzifumana esehla apha kumanqwanqwa emivuzo ekuqaleni kuka-2010, nto leyo enokwenza ubulungu bawo ku-
Ixesha leehlolide seligalelekile yaye ngokokuva kwam ingathi eli liza kuba lelona liMNANDI! Imozulu ishushu, iindudumo ziyangxola, uqoqosho luyakhula yaye sonke sisebenze nzima kakhulu ukuze siphile ngo-2009. Kunyanzelekile ukuba sibe nemibhiyozo egcwele kukuhleka nalulonwabo! Ndininqwelela okuhle kuNyaka oMtsha kwaye ndinikhuthaza ukuba nibuyele emsebenzini ngemizimba ephumle kakuhle nedlamkileyo ngo-2010.
I-GEMS ikholo amalungu ayo yaye ngala malungu awenza i-GEMS igqwese!
Njengokuba usazi, icandelo lezibonelelo ngalinye le-GEMS lineetafile zemirhumo exhomekeke emivuzweni ukwandisa amathuba okufikeleleka kwezo zibonelelo zelo candelo kubasebenzi beeNkonzo zoLuntu abafumana imivuzo esezantsi. Umrhumo ekufuneka wenziwe kwinqwanqwa ngalinye lemivuzo kwicandelo ngalinye lezibonelelo wawuchazwe kwincwadana yamalungu yango-2009
neyayifunyenwe ngamalungu ekuqaleni konyaka. Ukuba umvuzo welungu uyenyuka apha phakathi enyakeni, bangazifumana besenyuka kumanqwanqwa emivuzo nto leyo eyakwenza bahlawule imirhumo ethe chatha, sithetha ngokunyuselwa emsebenzini, ukulungiswa kwenqwanqwa lomvuzo, iindleko zokuphila zanyaka le, ukunyuswa komvuzo kwakunye nee-OSD. Ukulungiswa kwemivuzo kukhokelele ekunyukeni kwemirhumo yengxowa-mali yonyango kwiqela lamalungu e-GEMS, kuba olu lungiso lubabeke kwinqwanqwa lemivuzo le-GEMS eliphakamileyo kuneli bebekulo.
Ukulungiswa kwamanqwanqwa emivuzo bekungenxa yokuthotywa kwemilinganiselo yemivuzo ukusuka ku 1-16 ukuya ku 1-12. Phantse ibe ngamalungu angama-10 500 achaphazelekileyo lolu tshintsho yaye kuye kwathunyelwa i-SMS kuloo malungu ukuwazisa ngezi nguqu kwimirhumo yawo kwingxowa-mali yonyango.
I-GEMS sele inesiseko sezibonelelo esaziwayo nesipheleleyo enokusebenzela phezu kwaso kwaye kunzima ukuphucula into esele ibonwa njengepakethe egqwesileyo. Ngokweenqobo zethu zokuba lula nokuba nobuchule, sifumanise iindlela ezimbalwa zokomeleza izibonelelo zethu ngo-2010.
Okutsha:Ngoku kufuneka amalungu e-Sapphire afumane amayeza ezifo ezingapheliyo kubaboneleli beenkonzo abachongiweyo bamayeza ezifo ezingapheliyo eNgxowa-mali, i- Medipost Pharmacy.
Okutsha: Isibonelelo esingapheliyo sokhathalelo lwempilo olusisiseko yinxalenye yeli candelo kubaboneleli beenkonzo abachongiweyo beNgxowa-mali.
Okutsha:Izibonelelo zokulaliswa esibhedlele, oku kuxhomekeke kugunyaziso kuqala nakwimimiselo yoKhathalelo oluLawulwayo.
Okutsha:Isibonelelo seMpilo yeNgqondo siquka ukubona i-psychologist ngaphandle kwesibhedlele, oku kuxhomekeke kwimimiselo epheleleyo yokulala esibhedlele.
Okutsha:Ngoku kufuneka amalungu e-Beryl afumane amayeza ezifo ezingapheliyo kubaboneleli beenkonzo abachongiweyo bamayeza ezifo ezingapheliyo eNgxowa-mali, i- Medipost Pharmacy.
Okutsha:Isibonelelo esingapheliyo sokhathalelo lwempilo olusisiseko yinxalenye yeli candelo kubaboneleli beenkonzo abachongiweyo beNgxowa-mali.
Ukunyuswa kwemivuzo kwanyaka le nokubuyiselwe umva ukuze kuqale kumhla ongaphambili kuqalise ukusebenza ngo-Okthobha ka-2009, nako kubangele amanye amalungu axhumele kwinqwanqwa lemivuzo eliphezulwana nto leyo eye yabangela imirhumo yawo inyuke. Olu tshintsho luye lwabuyiselwa umva ukuze luqale ngoJulayi ka-2009. Angaphezulu kwama-41 000 amalungu aye achaphazeleka koku kunyuswa kwemali. Ukuqaliswa kwezi ntlawulo zibuyiselwe umva kuye kwabangela amanye amalungu abesemva ngemirhumo yawo yengxowa-mali yonyango.
I-GEMS iye yaxhuma kuqala yaza yathethathethana namalungu achaphazelekayo. Nceda ujongisise ingxelo yakho yemirhumo yekota ukuze uyiqonde kakuhle indlela olu tshitsho lwemivuzo enokuba luyichaphazele ngayo imirhumo yakho.
Uninzi lwemirhumo esemva sele iceliwe ngo-Persal. Ukuba ubuchaphazelekile, ungalindela ukutsalelwa eminye imirhumo esemva kumvuzo wakho ukusukela ngoDisemba ka-2009. Kodwa, u-Persal uvumela kutsalwe kuphela imirhumo esemva ukuya kuma kwiinyanga ezintathu. Nawaphi na amanye amatyala amadala kunoku kumele kucelwe i-HR Practitioner yakho ukuba iwenze ngesandla ngenkqubo yokutsala imali esemva i-0189. Oku kuthetha ukuba kungenzeka imali esemva kaJulayi (mhlawumbi neka-Agasti) ayikwazanga ukutsalwa ngo-Persal.
Okutsha: Ukwamkelwa esibhedlele usuku kungasetyenziswa i-PMB akusayi kulinganiselwa. Ummiselo unyuselwe kwi-R10 760.
Okutsha:Iinkonzo zezamazinyo: ezamazinyo zangaphandle kwesibhedlele kwabelwana ngazo nezamazinyo zokulala esibhedlele i-R2 050 ngombonelelwa ngonyaka.
Okutsha: Ukwamkelwa esibhedlele usuku kungasetyenziswa i-PMB akusayi kulinganiselwa. Ummiselo unyuselwe kwi-R10 760.
Okutsha: Amaxwebhu apheleleyo amayeza ezifo ezingapheliyo asebenza ngokwemimiselo nangaphezu kwayo.
Okutsha:Isibonelelo esongeziweyo esiQingqiweyo esingange-R7 000 ngombonelelwa seminyaka emibini. Kukho imimiselo emincinci. Esi sibonelelo songeziweyo sifumaneka kwezi zinto zilandelayo: ezamazinyo ngaphandle kwesibhedlele, ezamehlo, iinkonzo zempilo ezihambelanayo kunye ne-radiology esisiseko.
Isibonelelo sezixhobo zokunyanga nezokuqhaqha siphindaphindwe kabini.
Okutsha: Ukwamkelwa esibhedlele usuku kungasetyenziswa i-PMB akusayi kulinganiselwa. Ummiselo unyuselwe kwi-R10 760.
Isibonelelo sezixhobo zokunyanga nezokuqhaqha siphindaphindwe kabini.
ngento entle kangaka ayizuzileyo. Ukhethe iKapa njengendawo anokuya kuyo. Ngamanye amazwi uthe:
Iprofayili yesi-2Ibhekisa kuwe ukuba uliLungu eliyiNtloko kwenye ingxowa-mali yonyango kwaye ufumene isibonelelo somqeshi ngomhla wama-30 kuJuni ka-2006 yaye awuzange uthathe ikhefu kwi inshorensi ukusukela ngoko.
Bala umrhumo wakho ngokukhetha umvuzo wakho kunye nenani lababonelelwa bakho kusapho lwakho, abadala nabangabantwana.
IsiBali semiRhumo sidalelwe ukukwenzela lula.
IsiBali sibekwe kwindawo elula njengosingaqhosha ongumfanekiso kwiphepha lasekhaya nalapha ngezantsi kwiphepha ngalinye kule webhusayithi. Sikwafumaneka naphantsi kwemenyu yama"Lungu" ehliswayo ukuba ukhetha ukwenza njalo.
E-GEMS, injongo yethu kukwakha ubudlelwane obomeleleyo kunye noogqirha ezitsha ngoku phakathi koogqirha kunye ne-GEMS. Nceda abakhathalela ababonelelwa bethu abangaphezulu kwesi-1 000 000. ujonge ukuba ugqirha wakho ulilungu loNxibelelwano lwe-
GEMS phambi kokuba usebenzise iinkonzo zakhe ngo-Sifuna ukuqinisekisa ukuba ugqirha wakho uhlala engumququzeleli 2010. wokukhathalelwa kwempilo yakho yaye ukunika unyango ngexabiso eliyifaneleyo imali yakho. Ininzi inzuzo ekubonaneni nogqirha okuNxibelelwano lwe-GEMS. Enye Yonke inkcazelo kunye neenkcukacha yale nzuzo nantsi: zoqhagamshelwano ezintsha zoogqirha kunye
Ugqirha wakho woNxibelelwano lwe-GEMS uvumile ukukhathalela impilo nekhadi lakho elitsha lobulungu. yamalungu e-GEMS ngezinga eliphezulu ebiza iintlawulo ezivunywe yiNgxowa-mali, kwaye angalindeli ukuba uncedisane nengxowa-mali okanye angongezi Ukusukela ngomhla woku-1 kuJanuwari ka-2010 uya iindleko. kuba nakho ukufumana umboneleli weenkonzo
ngo-2010, amalungu ala macandelo kuya kumela atyelele oogqirha kunye
Inkcazelo yenkqubo yamabango
Iimfihlelo zamabango zibekwe elubala: Indlela yokuqinisekisa ukuba amabango akho ahlawulwe Inyathelo 1 Inyathelo 2 Wena okanye umboneleli wakho ngenkonzo yokhathalelo lwempilo ungenisa isicelo samabango. ISebe lezamaBango lamkela, lijonge lize livume izicelo zamabango
Ukuthintela iimeko ezinokubangela ungakwazi ukufikelela kwizibonelelo zakho zokhathalelo lwempilo, nantsi inkcazelo elula yenkqubo yokuhlawulwa kwamabango kunye neempazamo ezinokukhokelela ekukhatyweni kwamabango akho. Inyathelo 3 Inyathelo 4 Inyathelo 5 ezinyanisekileyo. I-SMS yokwazisa ngamabango ithunyelwa kwilungu ukuliqinisekisa ukuba isicelo samabango siyasetyenzwa. Isaziso asithethi ukuba amabango ahluwulwe koko sithetha ukuba ayasetyenzwa. Ukuba awuyifumani i-SMS ekwazisayo, nceda utsalele kwa-0860 00 4367 ukuze uvulelwe le nkonzo. Emva kokujongwa kwesicelo samabango, iNgxowa-mali ihlawula amabango ngokwemigaqo yeNgxowa-mali nezibonelelo ezifumanekayo. Amabango ayakuhlawulwa kwixesha elizayo lokwenziwa kweentlawulo.
I-GEMS yenza iintlawulo kabini ngenyanga.
Nasi isizathu esisenokuba ngunobangela wokuba amabango akho angahlawulwa:
Impazamo Isiphumo Isisombululo
Ndingawangenisa nanini na amabango Amabango angeniswe emva kweenyanga ezine Ngenisa amabango akho kwangexesha ukuqinisekisa ukuba am ndifuna. ukusukela ngemini yonyango "aphelelwe" kwaye ayasetyenzwa yaye ayavunywa.
aya kukhatywa. Kuya kufuneka uzihlawulele iindleko zonyango lwakho.
Ukungenisa amabango sibe isibonelelo Isicelo sakho siya kukhatywa. Qwalasela imali emiselwe isibonelelo sakho kunye nendleko yonyango sakho sonyaka siphelile. olufumanayo. Jonga isicwangciso sezibonelelo zakho ukuze ufumane inkcukacha engaphezulu okanye sebenzisa inkonzo elula yokuJonga iZibonelelo nge-SMS ukuze ubone ukuba zithini izibonelelo zakho ezifumanekayo.
Ukusebenzisa ikhadi lakho lobulungu INgxowa-mali ayisayi kuhlawulela amabango emva Wakube uphumile kwiNgxowa-mali, awunakho ukuphinda ufikelele emva kokuyeka ukuba lilungu le-GEMS. kokuba ilungu liphumile kwi-GEMS. kwizibonelelo obuzinikiwe ngaphambili.
Inxalenye yokuqonda inkqubo yokusebenza amabango ibandakanya ukwazi indawo yokungenisa amabango akho. Qinisekisa ukuba amabango akho angeniswe kwidilesi echanekileyo.
Xa uyeka ukusebenzela iiNkonzo zoLuntu
I-GEMS yingxowa-mali yonyango evalelekileyo neyenzelwe abasebenzi beeNkonzo zoLuntu - ngabasebenzi beeNkonzo zoLuntu kuphela abavumelekileyo ukungenela le Ngxowa-mali.
Amalungu e-GEMS kumele ayeke ukuphangelela okanye ayekile ukuphangela kwiiNkonzo zoLunto xa:
eyeka ukuphangelela iiNkonzo zoLuntu;
esweleka;
izivumelwano zabo zengqesho ziphelelwa;
egxothiwe ngenxa yokuziphatha kakubi; okanye engenela enye ingxowa-mali yonyango. Ngokomthetho akukho mntu uvumelekileyo ukuba angenele iingxowa-mali zonyango ezimbini ngexesha elinye.
Ukuba uye waqhubekeka ukusebenzisa ikhadi lakho lobulungu emva kokuba uyekile ukuba lilungu uze uhlawulelwe amabango, kuya kufuneka uyibuyise loo mali xa imihla yakho yokuphuma ibonisiwe kwiifayili zethu. Ungaphuma ngokusifowunela kwa-0860 00 4367 okanye ngokufeksela ileta yokuyeka kwa-0861 00 4367.
Kwenzeka ntoni ngemiyalelo yam yamayeza ezifo ezingapheliyo xa ndiphuma kwi-GEMS?
Ukuhlisa umzimba ayilocebo elihle kuphela xa ufuna ukulinganwa yijini yakho encinci, koko kubalulekile empilweni yakho. Ukuze uhlise umzimba, kumele ube necebo. Ukutsamisa amanqatha kubandakanya ukutshintsha indlela yokuphila, ukukhetha ukutya okusempilweni nokuhlala ushukuma!
Uphando luyabonisa ukuba ukutya isidlo sakusasa esisempilweni yenye yezona zinto zilungileyo onokuzenza ukuba ufuna ukuhlisa iikhilo ezimbalwa. Nanga amanye amacebo okuphepha ukongeza ubunzima bakho usegazini unyaka wonke, kodwa ingakumbi ngexesha leeholide.
Nciphisa inyama ebomvu ekutyeni kwakho uze utye kakhulu inkuku kunye nentlanzi.
Gcada okanye bhaka ukutya kwakho.
Sela amanzi endaweni yeziselo ezineswekile eninzi. Yaye thoba nokusela iziselo ezinotywala.
Sebenzisa ibhotolo/imajarini ngaloo maxesha.
Yitya izidlo ezincinci kaninzi
Abanye abantu bakholelwa ekubeni akufuneki batye xa bezama ukuthoba umzimba, kodwa oku yintsomi nje. Ngokophando olwenziweyo ngokuthoba umzimba, ngokutya kaninzi umzimba wakho uyakhawuleza ukusebenzisa ukutya.
Enye indlela yokunyusa indlela umzimba okhawuleza ngayo ukusebenzisa ukutya, kukutya izidlo ezincinci kaninzi kunye namashwamshwam asempilweni (njengamantongomane, iziqhamo kunye nemifuno) xa ulambe kakhulu okanye ubawela ukuhlafuna.
Shukuma
Unomzimba ofanelekileyo = 18.5
Utyebile = 25 - 29.9
enganga-30 okanye ngaphezulu
Ukutya okuhlanganiswe kakuhle kudibene nokwenza imithambo imizuzu engama30-40 ubuncinane kathathu ngeveki, yindlela elungileyo onokuqala ngayo leyo. Khetha nawuphi na umsebenzi owuthandayo, nje ukuba uyashukuma.
ukufikelela komntu wonke kukhathalelo lwempilo ngendlela engcono
Ukusukela ngo-2010, i-Medipost Pharmacy iya kuba yi-DSP yokubonelela iimfuno zamalungu e-GEMS zamayeza ezifo ezingapheliyo kuwo ONKE amacandelo ezibonelelo. I-GEMS iya kuhlawula i-100% kuphela kumabango amayeza ezifo ezingapheliyo xa la mayeza ekhona kwixwebhu lamayeza leNgxowa mali nelihambelana necandelo lakho lezibonelelo naxa efunyenwe kwi-DSP, ngokwemimiselo yemigaqo yeNgxowa-mali. Ungakhetha ukusebenzisa nowuphi na umboneleli wamayeza ezifo ezingapheliyo kodwa uyakukhupha i-30%
ukuncedisana nengxowa-mali.
enziwe alula
Amayeza, ngalinye libizwe yaye kunikwe ixabiso
Ezinye izinto zidweliswe ngegama elipheleleyo kunye nexabiso
Amabango oburhulumente
Amabango okuHambela
Ukusetyenziswa kwefomu yamabango okuhambela phantsi kokungenisa ifomu yamabango avela phesheya kubhekisa kumabango avela kumalungu angasebenzeli phesheya. Kubhekisa kumalungu enza amabango ngqo kwi-GEMS ngenxa yeendleko zonyango ezenzeke ngeli lixa betyelele phesheya.
Khumbula ukuba into ebalulekileyo ukuze ufikelele kwizibonelelo zakho xa ukwelinye ilizwe isekuqinisekiseni ukuba iifomu zamabango ezichanekileyo zifika kwi-GEMS ngokukhawuleza.
Njengelungu le-GEMS elisebenza phesheya, siyayiqonda into yokuba uneemfuno ezizodwa zokufikelela kwizibonelelo zakho zokhathalelo lwempilo.
Nanga amacebo okulawula amabango akho ukude.
Inkcazelo engaphelelanga
Ukuze woyise lo mqobo, qinisekisa ukuba usebenzisa iifomu zamabango ezisesikweni zokuhambela/zaphesheya ze-GEMS ezifumaneka kwa www.gems.gov.za ukwenza amabango akho. Ukungenisa amabango akho ngezinye iifomu kuya kukhokelela kwiNgxowa-mali ifumana inkcazelo engaphelelanga. Oku kungakhokelela ekuhlawulweni kwemali ethotyiweyo okanye ekukhatyweni kwamabango akho.
Xa ungenisa ifomu yamabango uphesheya, nceda uqinisekise ukuba ifomu yakho yamabango igcwalisiwe yaye inika inkcazelo yonyango.
Nceda uqinisekise ukuba ezi nkcukacha zilandelayo zichanekile:
Imihla yenkonzo
Inkcazelo yongango olufumeneyo (iinkqubo zonyango nokubonana nogqirha)
Usuku lukaGawulayo kwiHlabathi liphela lihlaba ikhwelo ekufikeleleni komntu wonke Malunga nabantu abazizigidi ezi-5.7 baphila neNtsholongwane/neSifo sikaGawulayo. Uninzi lwabo ngamakhosikazi, abanye ngoomama abathweleyo, abazakosulela iimveku zabo ngale ntsholongwane. Ngomhla woku-1 kuDisemba ka-2009, ihlabathi libhiyozela uSuku lukaGawulayo kwiHlabathi liphela. Olu suku lukhethekileyo lunikezelwa ekwandiseni ulwazi ngeNtsholongwane/ngeSifo sikaGawulayo. UMxholo walo nyaka "ukufikelela komntu wonke namalungelo oluntu" kubeka uthintelo nokhathalelo elubala njengelungelo loluntu olusisiseko kunye nenkqubela eyenziweyo ukujongana nesi sifo, nekufuneka iqhuqhunjisiwe ngokukhuthaza ukuzinikela kwehlabathi liphela ekufezekiseni injongo yokufikelela komntu wonke.
Ingaba ukuxhomekeka ngokwemali kuthetha ntoni?
Umbonelelwa uxhomekeke ngokwemali xa imivuzo yakhe idibene ingadluli kwimali yoMhlalaphantsi weNtlalo (kaRhulumente).
Umbonelelwa kumele axhomekeke ngokupheleleyo kwilungu ukuze afikelele kwi inshorensi kunye nezibonelelo zonyango.
Iselfowuni yakho: Ikunceda nakwezinye izinto ezingaphaya kweminxeba
Kukwakho nenkqubo eluncedo yokwazisa ngamabango, apho waziswa nge-SMS xa sifumana amabango akho okanye awomnye wababonelelwa bakho, nto leyo ekunceda wazi ukuba kwenzeka ntoni ngamabango akho.
Qinisekisa ukuba sinenombolo yakho yeselfowuni echanekileyo ukuze sibe nokukwazi ukukuvulela ezi nkonzo.
Inkonzo yokuzinceda ngefowuni iiyure ezingama-24
Ngoku ungacela izinto ezithile ezifana nesatifikethi serhafu okanye iifomu ngokusebenzisa inkonzo eluncedo yokuzinceda ngefowuni iiyure ezingama-24. Ungakwazi nokutshintsha icandelo lakho lezibonelelo kunye neenkcukacha zakho zoqhagamshelwano. Vela nje utsalele kwa-0860 00 4367 uze ulandele imiyalelo yelizwi olivayo.
Nangona sithemba ukuba oku akusayi kuba yimfuneko, licebo elihle ukuhlala ulungele ixesha lonxunguphalo.
phantsi kwabaqhagamshelwa bakho. Le yinombolo yomntu ongathanda ukuba aqhagamshelwe egameni lakho ngexesha lonxunguphalo. Ukuba uneenombolo eziliqela, ungazigcina phantsi ko-ICE 1, ICE 2 njl.njl. Ngamanye amazwi, ungakwazi ukudwelisa umlingane wakho, abazali bakho, isihlobo esisenyongweni okanye ugqirha wakho, kuxhomekeke kuloo meko. Ungagcina nenombolo yonxunguphalo ye-GEMS (u-0800 44 4367) kwiselfowuni yakho ukuze ufikelele lula kwiinkonzo zonyango ngonxunguphalo xa uxakeke nyani.
Linda isiqinisekiso sokufeksa, ingakumbi xa usebenzisa iinkonzo zikawonke-wonke. Isiqinisekiso sefeksi bubungqina bokuba siyifumene ifeksi yakho.
Inombolo yakho yobulungu
Nceda ukhumbule ukuchaza inombolo yakho yobulungu kulo lonke uthungelwano lwakho ne-GEMS - oku kusenza sikwazi ukufumana iinkcukacha zakho ezichanekileyo msinyane.
Isikhumbuzo: Incwadana yeendaba ngolwimi lwakho
